

Izidlo Ezimnandi Onokuyisebenzisa Kuzo Rhoqo
ezicujiweyo okanye irayisi emhlophe okanye emdaka
Galela iAtchar kumxube xa ukhuphe




Yisebenzise Kanobom
iMonate


ISIDLO ESIKHULU SOSAPHO 
IPERI-PERI CHICKEN STIRFRY
* Esi sisidlo esikhawulezayo nesilula

seMonate Atchar siyathandwa, kanti sonela abantu abane

IZITHAKO:
500g yechicken fillets , zinqunqwe
250ml ( ikomityi ) yeMONATE ATCHAR PERI-PERI
1Oml yeoyile
itswele eliphakathi, Iinqunqwe ipepile ebomvu, inqunqisiswe 125g yekhaphetshu, Iinqunqisiswe iRobertsons Black pepper 
3 iipakethi zeIndomie Instant Noodles , Chicken flavour

INDLELA YOKWENZA:
1.	Xuba inyama yenkuku neAtchar .
2.	Yenza shushu ioyile embizeni
enomphantsi ongqingqwa, qhotsa
itswele de lithambe.
3.	Galela amaqatha enyama
yenkuku eneperi-peri , xuba uqhotse
de ibe nombala omdaka.
4.	Galela ikhaphetshu nepepile
ebomvu, pheka imizuzu emi-2.
5.	Nonga ngeBlack pepper .
6.	Pheka iiNoodles njengoko
kuchaziwe, khupha amanzi, galela
kwiperi-peri Chicken . 
7. Kwenze shushu ngokwaneleyo, baphe zisuka nje.

ISIDLO ESIMNANDI SASEMINI

ISPICY VEGETABLE QUICHE
IMonate Atchar kukutya okulula kwangokuhlwa okanye okokutenda iindwendwe ngesidlo sasemini. Kunokwanela abantu abane.

IZITHAKO
250ml ( ikomityi ) yeflawa
60g yebhotolo
umthubi weqanda
15ml (3 iitispuni ) yelemon juice

IFILLING
15m1 (icephe) yeoyile
itswele, linqunqwe
125ml (i- 1/2 sekomityi ) yeMONATE
ATCHAR - GRATED VEGETABLE
1/2 sesisipha sespinatshi , amagqabi
anqunqisiswe
3 amaqanda, aqhuqhwe nje
300g yesour cream
iRobertsons Black pepper Grinder
60g yeCheddar cheese , igreyithwe 

INDLELA YOKWENZA
1.	Sefela iflawa esityeni, uzamisele
ibhotolo .
2.	Galela umthubi weqanda nencindi eyaneleyo ukuze izithako zinamathele.
3.	Intlama yibumbe ibe ziimbulunga, yixove ngubunono kwindawo efafazwe iflawa de ingabi namagaqa, sibekela, yifake efrijini imizuzu eli-15.
4.	Qengqa intlama de ibe nkulu ngokwaneleyo ukuze yenze umaleko kwi-23cm flan tin .
5.	Bhaka ungayigalelanga ifilling kwisitovu esiku-180C imizuzu eli-10 ukuya kweli-15, de ibe nombala obumdaka.
6.	Ukwenza ifilling , pheka itswele kwipani lokuqhotsa kwisitovu esikubushushu obuphakathi de lithambe.
7.	Xuba ispinatshi neMonate GRATED VEGETABLE Atchar , pheka imizuzu emi-3 ukuya kwemi-4. Ophula, kubeke ecaleni.
8.	Dibanisa izithako eziseleyo. Ispinatshi nomxube weAtchar siqabe phezu komngaphantsi wentlama, galela ngecephe umxube weqanda.
9.	Bhaka kwisitovu esiku-1 80C imizuzu engama-30 okanye de kuqine.





Izidlo Ezimnandi Onokuyisebenzisa Kuzo Rhoqo
Nonga ithree bean salad yakho ngokufaka iAtchar okanye ugalele iAtchar ngaphezu kwetuna salad

Ukwenza icheese ekrobokrobo
okanye icold meat sandwich galela
ngobunono iAtchar

Galela iAtchar ngaphezu
kweesavoury pancakes

Bhaka intlanzi emnandi
ngokugalela ngaphezu kwayo
itswele, itumato neAtchar , ugqume
ngetinfoil woje de kuphekeke
umthubi emaqandeni abilisiweyo Galela iAtchar kwimince ukongeza
isidlo okanye ugalele kwimince ekrwada xa usenza iimeatballs
okanye ipatties

Ukwenza isidlo esimnandi gcada ipasta ephekiweyo kwiAtchar kanya
ngaphambi kokupha abantu

Nyibilikisa icheese ngaphezu kwetoast egalelwe iAtchar
ngaphezulu kube sisonka esimnandi

Ungasebenzisa nokuba yeyiphi iMonate Atchar kwihamburgers
nakwiihotdogs















Bhaka ngeflawa Ephambili
yeSnowf1ake



IMIXED spice TWIST
(Unokwenza ezingama-24)

125g yebhotolo
125m1 yeswekile emdaka (lOOg)
iqanda
15m1 yeGolden syrup
7m1 yemixed spice
5m1 yeground ginger
565m1 (315g) yeSNOWFLAKE
SELF-RAISING FLOUR

1. Qhuqha ibhotolo neswekile de zibe khaphukhaphu nampakumpaku. Galela iqanda nesiraphu , qhuqha de kuxubisiseke. 
2. Galela iispices ezisefileyo neflawa kumxube onqumbululu. Yikha ngecephe lo mxube, wuqengqe ube ziimbulunga ezincinane. Qhubeka uziqengqa zibe ngathi yintsontela ende, xuba esinye isiqingatha, jija. Lo mxube wufake efrijini ama-20 emizuzu.
3. Bhaka kwionti oyenze shushu kuqala yafika ku-1 80C (350F) imizuzu eli-12 ukuya kweli-15 okanye de kube nombala ogolide . Kupholise imizuzu emi-2 etreyini . Ukuze kuphole kubeke kwiraki yocingo. Kubhuqabhuqe kwi-icing sugar , baphe.

IORANGE FRUIT RING

125g yemagarini
250m1 (200g) yeswekile
2 amaqanda
500m1 (280g) yeSNOWFLAKE
CAKE FLOUR
5ml yebaking powder
250m1 yefruit cake mix
lOml yexolo leorenji eligreyithiweyo
5m1 yebicarbonate of soda
250m1 yamasi

Isiraphu
125m1 yeswekile
125m1 yencindi yeorenji
30m1 yencindi yelamuni
5m1 yexolo leorenji eligreyithiweyo

1. Yenza nqumbululu imagarini neswekile ndawonye. Galela iqanda,
qhuqhisisa de kube khaphukhaphu, kube mpakumpaku.
2.	Sefa iflawa nabaking powder galela kumxube onqumbululu. Galela icake mix nexolo leorenji .
3.	Nyibilikisa ibicarbonate of soda kumasi, galela kumxube.
4.	Galela ngecephe kwiring cake tins eziyi-22cm, Bhaka kwionti oyenze yashushu kuqala yaku-180C ama-40 ukuya kuma-50 emizuzu.
5.	Ukwenzela isiraphu : Xuba izithako ndawonye, bilisa imizuzu emibini.
6.	Khupha ikeyiki eontini , isiraphu yigalele ngecephe phezu kwekeyiki eshushu.

IAPPLE SQUARES

330m1 (185g) yeSNOWFLAKE
CAKE FLOUR
125g yebhotolo ebandayo,
igreyithwe ibe ntlakantlaka
15m1 yecastor sugar
ubumthubi beqanda elinye
3 iiApile eziluhlaza eziphakathi
ngobukhulu, zichutywe, zisikwe zibe
zizilayo ezicekethekileyo
30m1 yecastor sugar
15m1 yencindi yelamuni
3m1 yeground cinnamon
iCinnamon sugar

iTopping :
250m1 yesour cream
50m1 yecastor sugar
5m1 yevanilla essence
2 amaqanda aqhuqhwe kancinci

1.	Thambisa itin yekeyiki ebuxande nenzulu eyi-30 x 2Ocm ngebhotolo enyikilisiweyo okanye ngeoyile yokuqhotsa. Sika iAluminium foil engqingqwa ubude bayo bubuphinde kabini obo betin . Yisongele kwitin , qiniseka ukuba iwagquma omabini amacala. 
2. Xuba iflawa , ibhotolo neswekile de umxube ungabi namagaqa. Galela umthubi weqanda, qhuqha de umxube uyondelelane. Cinezela kwitin oyilungisileyo usebenzisa umva wecephe nendawo egudileyo. Sibekela ngeplastiki , faka efrijini ama-20 emizuzu. Intlama yibhake kwionti oyenze shushu kuqala yaku-180C (350F) imizuzu eli-15. Yikhuphe eontini . Yipholise. 
3, iiApile, iswekile, incindi necinnamon zifake kwisitya esikhulu kakhulu, xubisisa. IiApile zibeke zilungelelane kumzantsi wentlama. Bhaka elinye i-15 lemizuzu. Kukhuphe eontini .
4.	iTopping : khrim yigalele kwisitya sokuxuba esiphakathi ngobukhulu. Yiqhuqhe ngesiqhuqhi de ingabi namagaqa. Galela iswekile, ivanilla namaqanda, qhuqha de ixubisiseke. Galela itopping phezu kweeapile. Buyisela eontini , Bhaka amanye ama-20 emizuzu okanye de itopping iyondelelane. Kuyeke kuphale etinini .
5.	Fafaza iCinnamon sugar phambi kokuba ubaphe. Sika kube ngathi ziidayimani ezili-12. Zisuse ngobunono iiApile ezingathi yidayimani kwitin ngokuphakamisa elona cala lide leAluminium foil engqingqwa.











40 BONA XHOSA- September 1996




UMCEBISI weBONA


Mcebisi weBona, Andizalelwanga kweli, sendineminyaka engaphezu kwemine ndihleli kweli. Ndineshishini lam. Sekuyiminyaka emibini ndihlala nentokazi yakweli nendizimisele ukuyitshata. Kumazwe aseNtshona xa uMntu welinye ilizwe etshata intombi yelo uyalifumana ilungelo lokuba ngummi. Ngaba kunjalo apha eMzantsi Afrika? Enye ingxakana endinayo kukuba isithandwa sam asifuni ndibonane nabazali baso kanti abanye kowaso nezihlobo bayandazi. Isonjululwa njani ke le? Ngu A.A.A., eKostad .

LiSebe leKhaya elingasombulula ingxaki yakho yokuqala. Makhe sikhangele ekusengenzeka kube zizizathu zale ngxakiyesibini. Kusengenzeka isithandwa sakho sineentloni ngawe, okanye kungenxa yokubethabethana kwezithethe zenu kwaNtu. Abazali abantsundu abazibandakanyi kwezothando lwabantwana babo ngaphandle kokuba kwenzeka okukhulu njengokukhulelwa okanye ukutshata. Ukuba ke uzimisele ukusitshata isithandwa sakho, sixelele ukuba uthanda ukuya kubazali baso uyokusicela. Xa sekunjalo sisala siya kucaca isizathu sokwenyani.

Mcebiso WeBona, ityendyana lomfo ebendithandana nalo selithe phithi yeny' intokazi. Ndakuyibona ndiyacaphuka. Abah1obo bam bandicebise ukuba ndiyinkule kanobom, kodwa mna andiyiyo loo
ntlobo ilwa ngendoda. Ndimele ndimshiye nalo mfo ndizifumanele ongathandi mabhinqa? NguB.A.N., eBatharos .

Ndiyakuncoma ukubhadla kwakho kunabahlobo bakho. Akukho ndoda ongade uzithobe isidima ngenxa yayo. Amanenekazi akalwi ngendoda. Lowo ngumsebenzi wamaonontolotyi. Ukufumana indoda engahlab'iziduli kunzima kakhulu. Inkoliso yamadoda ingakumbi aselula ayithandi ukuzibophelela ngentokazi enye.

Mcebisi WeBona, Mide imilebe yelungu lam langasese, iyajinga. Amanye amantombazana ayandih1eka, sekuthethwa ngam kwihostela yesikolo esifunda kuso, Ndithini?
NguB.Z.S., eGcuwa.

Mhlawumbi endiza kukutsho kungakuthuthuzela, amanenekazi ezinye iintlanga angena kwenkulu inkxamleko nentlungu ezama ukufumana loo nto wena uyiphiwe yindalo kuba kusithiwa yenza isoya . Kuthi mandithi xola ngomzimba wakho, uyithande imilebe yelungu lakho langasese ozalwe nayo. Kodwa ukuba akunako, khawuyokuthetha nogqirha wezabasetyhini.

Mcebisi weBona, Ndiyintombazana ekwishumi elivisayo leminyaka. Hayi ndibuthathaka. Malunga neendibano zesondo
andikwazi ukuthi HAYI. Nakuba yona ingqondo yam isithi HAYI, umzimba wam wona uthi EWE. Ngenxa yoku ndiye ndaneendibano zesondo namakhwenkwe amaninzi, ndaza ndazenyanya. Onke aye andikhohlisa kuba emva koku akukho nanye kuwo ebuya ithande ukulala nam kwakhona. Kodwa ngenxa yokuba buthathaka kwam, ndiba neendibano zesondo kunye naye namphi na ondifunayo. NguJ.P.Z., ePinetown .

Nyhani usengxakini enkulu ingakumbi kule mihla yeAids ! Ukungakwazi ukuthi HAYI xa kuthethwa ngeendibano zesondo akukuthobi nje isidima kodwa kukwakubeka engozini enkulu yokuba uchole izifo ezidluliselwa ngeendibano zesondo, ukuba akukazicholi. Nguwe oziyekele kwelokuba kudlaliswe ngawe, IKWANGUWE onokukunqanda oko! Indoda inokuma apho uthi mayime khona. Ukuze wahlukane nalo mkhwa, hlukana nokuba nibe nodwa nenkwenkwe. Ukucetyiswa kunokukunceda. Khawuthethe nonontlalo-ntle kummandla okuwo ukuze akucebise okanye ufumane unyango.

Mcebisi WeBona,
Ndingumlandeli weSpar AmaZulu.
Khawundinike idilesi yomnye
wabadlali bayo.
NguB.D.M., ePinetown .

Unokubhalela umdlali omthandayo kule
dilesi : c/o The Spar AmaZulu Office , 837
West Walk , West Street , Durban , 4001.













BANTWANA! ZIZUZELENI l-R50!
Nanku umdlalo omnandi oza kuphucula isiNgesi senu. Ezinye iimpendulo zilula,
ezinye ziza kufuna nicingisise. Sinenzele umzekelo wamnye ukuninceda
niqalise. Nakuzibhala zonke iimpendulo, zalisani ifomu yokungenela nize nisike
ifunword kunye nefomu yokungenela nizithumele kwidilesi ethi: BONA
FUNWORD NO. 9, BOX 32067, Mobeni 4060. Umhla oluvalwa ngawo olu
khuphiswano ngowama-27 ku-Septemba , 1996. Ingenelo lokuqala elichanileyo
eliya kutsalwa ngalo mhla liya kuzuza i-R50! Siza kuzipapasha iimpendulo
zokhuphiswano lwe-9 kunye negama lophumeleleyo kwiBona ka-Novemba .
Nanga ninganethamsanqa!















	 Thumelani kwidilesi ethi: BONA FUNWORD COMPETITION 9       	Owelwe ngumqa esandleni

	BOX 32067, MOBENI, 4060		kukhuphiswano lwe-7 ngu-: SONETTE THOMAS,

IGAMA                                    
IDILESI				
IKHOWUDI	IMINYAKA...		eCedarville .
Umhla wokuvalwa kokhuphiswano lwe-9 ngowama-27 Septemba .

INTSOMI  KAMAKAZ' UBARBARA
Molweni bantwana! Ibali endifuna ukunibalisela lona kule nyanga lithi:
ALIPHELI IXESHA LOKUFUNDA. Ndiyathemba ukuba niza kulonwabela.



Kwakukho nenekazi lithile elinguThembi. Wayehlala kwidolophu encinci nabantwana abathathu uJabu, uVusi noMandla.
Njengabo bonke oomama abalungileyo uThembi wabafundisa besebancinane ukuba kubalulekile ukunyaniseka. Xa uthatha into engeyoyakho okanye uphosisa kubakho indawo ebolayo entliziyweni yakho, wabalumkisa.
Niyayibona laa nkothovu yexhego inguvuma ihlala yodwa ngasemlanjeni -intliziyo yakhe yonke ayikho ntle kuba kaloku wayengenanyaniso yaye engalunganga. Akukho mntu umthandayo kuba akathembakalanga, watsho uThembi.
Abantwana bakaThembi babenyanisekile kwaye wayezingca ngabo. Naxa kunjalo, xa ebhake amaqebengwane e-oatmeal wayeqaphela ukuba aphela msinyane esityeni awayewagcina kuso.
Akubuza ukuba atyiwe ngubani babemthi phuhlu ngamehlo athembakeleyo baza baphendule ngaxeshanye bathi: Asindim mama.
Nyhani asindim. Wayengacaphuki kakhulu uThembi
kuphela nje wayebavela usizi. Ngokungathandabuzekiyo abantwana bakhe babesazi ukuba abanakubethwa xa benokuvuma ukuba bawatyile qha baya kungxoliswa. Kutheni ke ngoku beza kumphosisela phezu kokuba benganyanisekanga yaye bengenantobeko?
Kwafuneka uThembi aphande ukuba nguwuphi kwaba bantwana bakhe olisela waza wabhaka kodwa ke ngoku wafaka yeza lithile entlameni yakhe -lalingavakali qha lisenza isisu silume lisakutyiwa.
Njengesiqhelo wawagcina esityeni loo maqebengwana uThembi wayalela abantwana bakhe ukuba: Ningawatyi la maqebengwana. Niza kuwafumana ngomso xa niphunga iti .
Ngobo busuku untondo wakhe uJabu wavuka ekhala: Mama, mama! Ndiyafa! isisu sam sibuhlungu kakhulu!
Waqonda uThembi ukuba wehlelwe yintoni unyana wakhe. Ngaba uwatyile amaqebengwana Jabu? wambuza.
Hayi, andikhange ndiwatye mama.
Ndincede!
Ndingakunceda xa unokuthetha inyani kuphela! watsho.
Ekugqibeleni wavuma uJabu: Ewe, ndiwatyile. Ndicela uxolo!
UThembi umnike iglasi ezele liyeza elithile eliphelisa amahlaba. Ndiyathemba ukuba nifunde isifundo Jabu. Andifuni namnye umntwana wam oya kubolelwa yintliziyo kwaye ndiyakhathazeka xa niphosisa.
UJabu ufunde isifundo. Ufunde ukuba ukuxoka kubolisa intliziyo, kanti kunokwenza neentlungu!


kubhale uTHOKO MKHIZE



136 BONA XHOSA - September 1996

Galela ivegetable Atchar kwiitapile		nakwiihotdogs

138 BONA XHOSA - September 1996

150 BONA XHOSA September 1996

